Hymn 11♡ 𝗕𝘂𝗹𝗲𝗹𝗮𝗻𝗶 𝗸𝘂 𝗬𝗲𝗵𝗼𝘃𝗮, 𝗞𝘂𝗯𝗮 𝗲𝗹𝘂𝗻𝗴𝗶𝗹𝗲; 𝗞𝘂𝗯𝗮 𝘂𝗯𝘂𝗯𝗲𝗹𝗲 𝗯𝗮𝗞𝗵𝗲 𝗯𝘂𝗯𝗼𝗯𝗮𝗽𝗵𝗮𝗸𝗮𝗱𝗲.²²/⁰⁴/²⁰¹¹

Поділитися
Вставка
  • Опубліковано 1 жов 2024
  • 1.Bulelani ku Yehova,
    Kuba elungile ;
    Kuba ububele baKhe
    bubobaphakade.
    2.M' atsho amaSirayeli,
    Iindlu zawo zonke,
    Athi, ububele baKhe
    Bubobaphakade.
    3.Ndamemeza kuYehova,
    Ndandisengxingweni ;
    Wandinceda wandibeka
    Endawen' ebanzi.
    4.Ingecala lam inKosi,
    Andisokoyika ;
    Ingasuka ithi ni na
    Le nto umntu kumi?
    5.Ingecala lam inKosi
    Iya kundinceda ;
    Indincede ngokumnandi
    Kwabandithiyayo.
    6.Ukuthemba uYehova,
    Nokuphepha ngaYe,
    Kuko okulungileyo ;
    Kungathenjwa bantu.
    7.Mandisinde ngaWe nKosi
    Undisikelele!
    Ma ndiphumle ngaWe nKosi
    Undithamsanqele.
    Amen.

КОМЕНТАРІ •